http://mbimb.org/wp-content/uploads/2022/09/cropped-Hearts.png
My Body Is My Body Foundation

Xhosa -Umzimba wam Ngumzimba wam

Lengcamango ivela kumbutho wezizwe lwehlabathi liphela nephathelele ekunqandweni kwempatho-mbi kunye nokungakhathalelwa kwabantwana (ISPCAN). Uphando nzulu ngalomba lonyaka u-2012 lubonakalisa ukuba kwihlabathi jikelele ngabantwana abangamashumi amabini anesihlanu ekhulwini (25%) ukuya kumashumi amahlanu ekhulwini (50%) abaphathwa kakubi emzimbeni , yaye akuphelelanga apho, kukwakho malunga namashumi amabini ekhulwini (20%) lwamantombazana kunye nesihlanu ekhulwini (5%) ukuya kwishumi ekhulwini (10%) amakhwenkwana akaxhatshazwa kakubi ngesondo. Zininzi ke neziphumo, hayi kuphela nje kwabobantu bachaphazelekayo, koko noluntu luphela, nto-leyo ekungafunekanga ijongelwe phantsi.

Le nkqubo “Umzimba wam ngumzimba wam” yinkqubo enoculo ongaxhalabisiyo kwaye nendlela entle mayela nesi sihloko sinzima nesihlasimlisayo. Ukuzama ukunceda abantwana abancinane ngendlela echanekileyo ingangumsebenzi onzima kunene kuninzi labazali, abafundi- ntsapho okanye ootishala kunye nabagcini-ntsapho. Uyakufumanisa ukuba umculo oyolisayo kulenkqubo unceda ukubeni uhlangabezane kakuhle nalula nabantwana.

Kwakwalapha kulenkqubo uyakufumanisa ukuba kukho iingcamango kunye namacebo kwiculo nesihloko ngasinye. Okona kubalulekileyo kule nkqubo yinto yokuba bayakuwakhumbula amaculo nemiyalezo ephathelelene nale miba, kwaye oku kuyakudala uthungelwano ngezimvo nabantwana. Xa bekwazi ukuthetha ngezimvo zabo kwaneengxaki zabo, oko iyakuba yinto enkulu ekulweni ukuxhatshazwa kwabantwana.

Kuphando olubandakanya abantwana nolwalupapashwe kwiphepha-ndaba i- Journal of Music Therapy, lwabonakalisa ukuba umculo nokufunda amaculo amatsha kudala ukuziqonda ngokwakho nokuphuhlisa ukuzixabisa yaye kunceda nabantwana bazibone okanye bazive bengcono.
“The Power of Music- University of London”

Indlela yokusebenzisa le nkqubo 

Qinisekisa ukuba iyonwabisa –

La maculo anodlamko oluvela kumlinganisi obizwa ukuba ngu Cynthie, oku kunceda ukuba uwubone umyalezo lo wale nkqubo ulula. Kufuneka ucule nawe, usebenzise izandla zakho okanye udanise, wenze nantoni na enokwenza lomyalezo ukhumbuleke.
 

​Qiniseka ukuba uyigcina ilula –

Qaphela, abantwana abancinane akunyanzelekanga ukuba bazi nzulu ngeenkcukhacha zohlukumezo, banike nje
imithetho elula.  
 

1. Makungabikho mntu okuvisa ubuhlungu
2. Makungabikho mntu ochukumisa amalungu akho angasese
3. Makungabikho mntu othatha imifanekiso okanye ofota amalungu akho angasese
​4. Ukuba unengxaki, yixele komnye umntu
5. Musa ukuyifihla into elihlebo eyenziwe kuwe ukuba kukho okuhlukumezayo
6. Xelela omnye umntu ukuba kukho umntu okukhathazayo

 

Qinisekisa ukuba iyakhuthaza –  

Injongo enkulu apha kukwenza abantwana bazithembe ngemizimba yabo kwaye bakhuseleke besazi ukuba
banomntu abanokuxela kuye xa kukho ingxaki.
 

Amaculo akulenkqubo ngala alendelayo:
 

Umzimba Wam Ngumzimba Wam (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)

Ukuba ayivakali ilungile ungayenzi (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)

Umdlalo “Ungathini ukuba” (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)

Ukuba unengxaki (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)
 

Uthando lumnene (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)
Sponsor Stichting GetOn​
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks

Hearts

The Songs

Song 1

Ingoma Yokuqala Umzimba wam Ngumzimba wam

"

Itekisi ka Cynthie Molweni, Igama lam ndingu Cynthie kwaye namhlanje sisokwenza inkqubo ebizwa “Umzimba Wam Ngumzimba Wam”. Sizakucula iingoma, sonwabe kwaye sifunde ngeendlela zokuhlala sikhuselekile. Ubusazi ukuba, imizimba yethu ikhethekile kakhulu kwaye akekho umntu onelungelo lokusihlukumeza, okanye aphathe amalungu ethu angasese, okanye enze nantoni na engasenza sizive singakhululekanga ngoba imizimba yethu ikhethekile okwenene. Sizakuqala ingoma yethu yokuqala ke ngoku, kwaye ndifuna uze ucule nam – igama lalengoma ngu “Umzimba Wam Ngumzimba wam”.

"

Song 2

Ingoma Yesibini Ukuba Ayivakali ilungile-Ungayenzi !!

"

Itekisi ka Cynthie Sizakuyonwabela kakhulu le ingoma ilandelayo,Inomyalelo omkhulu ekumele siwukhumbule. Lomyalelo uthi – Ukuba ayivakali ilungile – Ungayenzi! Wazi ke ukuba andithethi ngezinto ezifana nokwenza umsebenzi wakho wasekhaya owunikwe esikolweni, okanye ukucoca igumbi lakho loku lala. Ndithetha ngeemeko apho umntu aye azame ukuhamba nawe akuse endaweni naye kwaye nawe ube usazi ukuba asiyonto elungileyo leyo. Ukuba ayivakali ilungile, ungayenzi! Okanye ukuba umntu uzama ukwenzisa into ekwenza ungaziva ukhululekile. Ukuba ayivakali ilungile – Ungayenzi!

"

Song 3

Ingoma yesithathu Umdlalo “Ungathini Ukuba”

"

Itekisi ka Cynthie Ngoku ke, sizokudlala umdlalo esiwubiza “Ungathini Ukuba” kwaye kulengoma sizakufunda ngokuba siye senze kanjani na xa umntu ongamaziyo ezama ukuba uhambe naye, okanye ukuba mntu uthile ezama ukukuchukumisa amalungu akho angasese. Uyawazi ukuba amalungu akho angasese andawoni na? Zezindawo apho impahla yakho yangaphantsi okanye izikhindi zakho zigquma khona. Akekho umntu ofanele ukuba achukumise amalungu akho angasese ekusukeleni ebuncinaneni bakho, uMama noTata ngabo abanako ukukucoca kwezondawo, kodwa kungekudala nawe uzakufunda ukuzenzela lonto ngokunokwakho. Okanye mhlawumbi ukuba uyagula okanye uva iintlungu, Umama okanye uTata okanye uGqirha kungamele ukuba babeke iyeza khona, kodwa ngaphandle koko akekho omnye umntu ekumele achukumise amalungu akho angasese. Sizakufunda ngokuba uye wenze kanjani xa umntu osekhayeni lakho okanye kusapho lwakho ukwenza ungaziva ukhululekile okanye uzama ukukuhlukumeza. Inye nje into ekumele uyenzile ku lo umdlalo, kukuba ukhwaze “HAYI” ngoko ke ndifuna ukhwaze ngokuzimisela kamnandi na kakhulu….

"

Song 4

Ingoma yesine Ukuba unengxaki

"

Itekisi ka Cynthie Kubalukekile ukuxelela umntu ukuba kukho mntu uthile okuvisa ubuhlungu okanye okuphatha kwiindawo zakho zangasese, nokuba uyoyika okanye unentloni kufuneka ubenesibindi kakhulu uxelele umntu. Baninzi kakhulu abantu onokubaxelela, ooMama, ooTata, ooMakhulu, ooTatomkhulu, ooAntie, ooMalume, ooTishala, Abazala, Abamelwane, abazali bezihlobo zakho, amapolisa, oomongikazi kunye nabanye abaninzi abakungqungileyo. Ngoku ke, ukuba uye waxela baze abantu bangakukholelwa, bade bathi kuwe yigcine iyimfihlelo – nakanjani wena hamba uyokuxelela omnye umntu. Ukuba nalowo akakhukholelwa, hamba uyokuxelela omnye umntu. Ukuba naye akakukholelwa – hamba futhi uyokuxelela omnye umntu kwaye uqhubekeke usenza njalo kude kubekho umntu okumamelayo. Ungaze noba sekutheni, unikezele.

"

Song 5

Ingoma Yesihlanu Uthando lunobubele

"

Itekisi ka Cynthie Masithethe ngothando, kubalulekile ukuthandwa kwaye abantu abalubonisi uthando lwabo kuwe ngokukuvisa ubuhlungu okanye ukwenza izinto ezikwenza ungaziva kamnandi. Abantu babonisa ukuba bayakuthanda ngokwenza izinto ozithandayo njengo ku- funda iincwadi, ukudlala imidlalo, ukonwaba, ukuthatha uhambo okanye mhlawumbi ukukubonisa ukuba ibhayisekile yakho uyikhwela njani.UThando kukwabelana nokukhathalelana. Abazali bethu kunye nabo abobantu basikhathalelayo bayaqinisekisa ukuba sigcineka kakuhle, bayasondla, basenza ukuba sihlambe amazinyo ethu, kwaye baqinisekise ukuba sineempahla ezicocekileyo zokunxiba, baphinde xa sigula basihambise basise kuGqirha. Kubalululekile ukuba sinonophelwe kakuhle ukuze sikhule sisempilweni, sonwabile kwaye somelele.

"

cropped-cropped-Hearts.png

Signs of Child Abuse

Limpawu zokuhlukunyeza kwabantwana

Oku kulandelayo ziimpawu zoxhaphazo nentswela-hoyo esiyibona ebantwaneni kule mihla. Ukuba ubona naziphi na kwezi mpawu okanye umntwana ukuthyilela ulwazi ngezi mpawu, thula nje ungamnyanzeli umntwana akunike olu lwazi. Menze axole umntwana, umbulele ngokukunika kwakhe olu lwazi, wandule ukuxhulumana ngomnxeba neenkonzo zokhuselo lwabantwana ezijongene nalo msebenzi.

Khumbula ukuba umntwana angakuthyilela intwana encinane yolu lwazi ngexesha, de abone kakuhle ukuba imo yakho yokuphendula oku izolile yaye inenkxaso.

Oku kulandelayo zezinye zeempawu zohlukumezo. Umntwana angajongana nengxubevange yezimpawu. Ukuba ubone iinguquko ezicacileyo kwisimo somntwana lowo, qiniseka ukuba uyaqaphelisisa ukuba ezimpawu zilandelayo ziphathelele kuxhaphazo ziyabonakala na.

Iimpawu zokuhlukunyeza ngokomzimba

Kwimbonakalo yomntwana

• Imigruzuko engaqhelekanga, imivumbo elufeleni, izilonda zokutsha, iindawo ezophukileyo
• Amamnxeba omenzakalo
• Umenzakalo othe rhoqo kumane kusithiwa yingozi
• Qaphela ukuba inkcazo le idla ngokungadibani nomenzakalo
• Ukunxitywa kwempahla enemikhono emide ukufihla iindawo ezenzakeleyo

Isimo sokuziphatha somntwana

• Udakumbile, kunzima ukuhlobana naye
• Uthule ngendlela engaqhelekanga kwaye ekafuni nxibelelwano nabantu
• Uthanda kakhulu ukukholisa abanye
• Ubonakala eboyika abazali
• Akahlupheki xa esohlulwa ebazalini

Limpawu zokuswela ukuhoywa

Kwimbonakalo yomntwana

• Ukungacoceki, inwele ezimdaka, nevumba lomzimba
• Impahla ayinxibayo ayilungeli imozulu yalo mini
• Udinga unyango nonyamekelo lwamazinyo

Isimo sokuziphatha somntwana

• Soloko ediniwe, engenamandla, ethyafile
• Ucela ukutya kwabanye okanye akube
• Soloko efika emva kwexesha esikolweni okanye angabikho
• Unobundlavini okanye isimo esinendelelo
• Akazixabisanga

Iimpawu zokuxhatshazwa ngokweemvakalelo

Kwimbonakalo yomntwana

Iimpawu zolu udidi lohlukumezo zisenokungacaci ncam kunezinye iimpawu zohlukumezo, kodwa ke mhlawumbi ukuziphatha oku komntwana ingaluphawu olulona lubalaseleyo.

• Ukuzikhetha kwizihlobo zakhe nakwizinto ezenziwa ekuhlaleni apha
• Ukufika rhoqo emva kwexesha esikolweni okanye angabikho mpela
• Ukulahlekelwa kukuzixabisa
• Isimo esinendelelo
• Utshintsho kwindlela ebeqhuba ngayo esikolweni n

Iimpawu zokuxhatshazwa ngokwesondo

Kwimbonakalo yomntwana

• Impahla yangaphantsi idlakadlaka ikwangcoliseke nangamachaphaza egazi
• Uva iintlungu nokurhawuzelelwa kumalungu angasese
• Uzifumana esuleleke ngezifo ezizuzeka ngokwabelana ngesondo

Isimo sokuziphatha somntwana

• Ukuziphatha kakubi ngokwesondo yaye unolwazi olungamfanelanga kwiminyaka yakhe yobudala
• Nangendlela engafanelekanga yokucofa-cofa abanye abantwana
• Ukuguquka kwesimo sakhe ngequbuliso
• Ukungafuni ngamandla ukuchukunyiswa emzimbeni nangayiphi na indlela

Ukuba urhanela isenzo zokuxhatshazwa kwabantwana, nxibelelana neenkonzo zokhuselo lwabantwana eziphathelele kwizenzo ezinje ufumane icebiso. Apho siyakumanyelwa isimemezo sakho kuthatyathwe namanyathelo egameni lakho ukuba umntwana lowo usecicini lengozi.
Masigcine abantwana bekhuselekile!!

 

 

Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu – Chrissy Sykes © 2017
Sponsor Stichting GetOn​
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks

 

MBIMB General 1

Imibuzo eqhele ukubuzwa (ikakhulu ngabantwana)

Umbuzo: Yintoni eyenza abantu bahlukumeze abantwana?
Impendulo: Kwakhona ziliqela izinto ezibangela ukuba abantwana baxhatshazwe ngesondo, uninzi lwabenzi-bubi nabo bakhe baxhatshazwa yaye yonke le nto bahamba nayo bexhaphaza abanye abantu. Abanye abantu baneengxaki zokusela neziyobisi okanye iingxaki zemisindo. Into ebalulekileyo emasiyikhumbule yinto yokuba akulunganga ukuhlupha abantwana, kungeso sizathu kuyimfuneko ukuba sazise nabanye abantu, ukuze sincedakale.

Umbuzo: Yintoni eyenza abantu bacofa-cofe abantwana kumalungu abo angasese?
Impendulo: Kwakhona zininzi izizathu zokuba baxhaphaze abantwana, uninzi lwaba bantu baxhatshazwa nabo, kungenxa yesi sizathu kubalulekile nabo kuthethiwe ngabo, kuba nabo badinga uncedo banyangwe baphile bayeke ukuxhaphaza abantwana.

Umbuzo: Ndingenza njani ukuba akukho mntu ondimamelayo?
Impendulo: Ukuba uxelele umntu yaye yena angakukholelwa, nawe ke xelela omnye umntu, uhlale njalo uxelela abantu de kubekho okukholelwayo.

Umbuzo: Ukuba ndixelile, kuzokwenzeka ntoni?
Impendulo: Kuzakufuneka into yokuba kwenziwe ingxelo yokuba uyaxhatshazwa.Emveni koko, kufike umntu oza kuthetha nosapho lwakho. Mntu lowo uzakuqinisekisa ukuba ikhaya lakho likhuseleke ngokwaneleyo na ukuba wena ungahlala kulo okanye kumele uthathwe uyokuhlaliswa kwenye indawo apho ungafumana khona ukhuseleko, logama lo mntu ukuxhaphazayo efumana uncedo naye. ​

Umbuzo: Ndenze kanjani ukuba ndithe HAYI kodwa umxhaphazi angayeki?
Impendulo: Ukuba akeva xa usithi HAYI khwaza kakhulu khona ukuze umntu okuvayo akuncede okanye nabanye abantu kwakwalapha abanokukuva ukhwaza bakuncede. Ukuba akukho mntu, hamba uye kuxelela omnye umntu ngokukhawuleza uqonda ukuba ukhuselekile ukwenza oko. ​

Umbuzo: Ndenze kanjani ukuba umxhaphazi ugrogrisa ngokundilimaza okanye alimaze usapho lwam ukuba ndixelile?
Impendulo: Abantu abaxhaphaza abantwana abafuni abanye abantu bazi ukuba benza oko kangangokuba bangazama ukukoyikisa okanye bakoyikise ngelungu losapho lwakho, bathi kuwe ugcine iimfihlelo. Apha ke kufuneka ubenesibindi uxelele nomnye umntu ngengxaki yakho.

Umbuzo: Ndenze kanjani ukuba umxhaphazi lo ngu bhuti okanye usisi wam?
Impendulo: Xelela abazali bakho yaye ukuba abakuhoyi nabo, xelela nomnye umntu esikolweni okanye kuludwe lwabantu abakhankanyiweyo kuludwe esikhe saluxoxa.

Umbuzo: Bazakuchaphuka na ukuba ndixelile?
Impendulo: Ewe basenako ukucaphuka, kodwa nawe qina uxele konke khona ukuze abantu banqande ungenzakaliswa, ungaphathwa-phathwa ngaphantsi, kanti nabo abakuxhaphazayo oku iyakuba sisisombululo nakweyabo ingxaki.

Translate Our Website »