Lengcamango ivela kumbutho wezizwe lwehlabathi liphela nephathelele ekunqandweni kwempatho-mbi kunye nokungakhathalelwa kwabantwana (ISPCAN). Uphando nzulu ngalomba lonyaka u-2012 lubonakalisa ukuba kwihlabathi jikelele ngabantwana abangamashumi amabini anesihlanu ekhulwini (25%) ukuya kumashumi amahlanu ekhulwini (50%) abaphathwa kakubi emzimbeni , yaye akuphelelanga apho, kukwakho malunga namashumi amabini ekhulwini (20%) lwamantombazana kunye nesihlanu ekhulwini (5%) ukuya kwishumi ekhulwini (10%) amakhwenkwana akaxhatshazwa kakubi ngesondo. Zininzi ke neziphumo, hayi kuphela nje kwabobantu bachaphazelekayo, koko noluntu luphela, nto-leyo ekungafunekanga ijongelwe phantsi.
Le nkqubo โUmzimba wam ngumzimba wamโ yinkqubo enoculo ongaxhalabisiyo kwaye nendlela entle mayela nesi sihloko sinzima nesihlasimlisayo. Ukuzama ukunceda abantwana abancinane ngendlela echanekileyo ingangumsebenzi onzima kunene kuninzi labazali, abafundi- ntsapho okanye ootishala kunye nabagcini-ntsapho. Uyakufumanisa ukuba umculo oyolisayo kulenkqubo unceda ukubeni uhlangabezane kakuhle nalula nabantwana.
Kwakwalapha kulenkqubo uyakufumanisa ukuba kukho iingcamango kunye namacebo kwiculo nesihloko ngasinye. Okona kubalulekileyo kule nkqubo yinto yokuba bayakuwakhumbula amaculo nemiyalezo ephathelelene nale miba, kwaye oku kuyakudala uthungelwano ngezimvo nabantwana. Xa bekwazi ukuthetha ngezimvo zabo kwaneengxaki zabo, oko iyakuba yinto enkulu ekulweni ukuxhatshazwa kwabantwana.
โ
Kuphando olubandakanya abantwana nolwalupapashwe kwiphepha-ndaba i- Journal of Music Therapy, lwabonakalisa ukuba umculo nokufunda amaculo amatsha kudala ukuziqonda ngokwakho nokuphuhlisa ukuzixabisa yaye kunceda nabantwana bazibone okanye bazive bengcono.
โThe Power of Music- University of Londonโ
Indlela yokusebenzisa le nkqubo
Qinisekisa ukuba iyonwabisa โ
La maculo anodlamko oluvela kumlinganisi obizwa ukuba ngu Cynthie, oku kunceda ukuba uwubone umyalezo lo wale nkqubo ulula. Kufuneka ucule nawe, usebenzise izandla zakho okanye udanise, wenze nantoni na enokwenza lomyalezo ukhumbuleke.
โQiniseka ukuba uyigcina ilula โ
Qaphela, abantwana abancinane akunyanzelekanga ukuba bazi nzulu ngeenkcukhacha zohlukumezo, banike nje
imithetho elula.
1. Makungabikho mntu okuvisa ubuhlungu
2. Makungabikho mntu ochukumisa amalungu akho angasese
3. Makungabikho mntu othatha imifanekiso okanye ofota amalungu akho angasese
โ4. Ukuba unengxaki, yixele komnye umntu
5. Musa ukuyifihla into elihlebo eyenziwe kuwe ukuba kukho okuhlukumezayo
6. Xelela omnye umntu ukuba kukho umntu okukhathazayo
Qinisekisa ukuba iyakhuthaza โ
Injongo enkulu apha kukwenza abantwana bazithembe ngemizimba yabo kwaye bakhuseleke besazi ukuba
banomntu abanokuxela kuye xa kukho ingxaki.
Amaculo akulenkqubo ngala alendelayo:
Umzimba Wam Ngumzimba Wam (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)
Ukuba ayivakali ilungile ungayenzi (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)
Umdlalo โUngathini ukubaโ (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)
Ukuba unengxaki (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)
Uthando lumnene (cofa apha ukuze ubukele lomfanekiso)
Sponsor Stichting GetOnโ
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks
Song 1
Ingoma Yokuqala Umzimba wam Ngumzimba wam
"
Itekisi ka Cynthie Molweni, Igama lam ndingu Cynthie kwaye namhlanje sisokwenza inkqubo ebizwa โUmzimba Wam Ngumzimba Wamโ. Sizakucula iingoma, sonwabe kwaye sifunde ngeendlela zokuhlala sikhuselekile. Ubusazi ukuba, imizimba yethu ikhethekile kakhulu kwaye akekho umntu onelungelo lokusihlukumeza, okanye aphathe amalungu ethu angasese, okanye enze nantoni na engasenza sizive singakhululekanga ngoba imizimba yethu ikhethekile okwenene. Sizakuqala ingoma yethu yokuqala ke ngoku, kwaye ndifuna uze ucule nam โ igama lalengoma ngu โUmzimba Wam Ngumzimba wamโ.
"Song 2
Ingoma Yesibini Ukuba Ayivakali ilungile-Ungayenzi !!
"
Itekisi ka Cynthie Sizakuyonwabela kakhulu le ingoma ilandelayo,Inomyalelo omkhulu ekumele siwukhumbule. Lomyalelo uthi โ Ukuba ayivakali ilungile โ Ungayenzi! Wazi ke ukuba andithethi ngezinto ezifana nokwenza umsebenzi wakho wasekhaya owunikwe esikolweni, okanye ukucoca igumbi lakho loku lala. Ndithetha ngeemeko apho umntu aye azame ukuhamba nawe akuse endaweni naye kwaye nawe ube usazi ukuba asiyonto elungileyo leyo. Ukuba ayivakali ilungile, ungayenzi! Okanye ukuba umntu uzama ukwenzisa into ekwenza ungaziva ukhululekile. Ukuba ayivakali ilungile โ Ungayenzi!
"Song 3
Ingoma yesithathu Umdlalo โUngathini Ukubaโ
"
Itekisi ka Cynthie Ngoku ke, sizokudlala umdlalo esiwubiza โUngathini Ukubaโ kwaye kulengoma sizakufunda ngokuba siye senze kanjani na xa umntu ongamaziyo ezama ukuba uhambe naye, okanye ukuba mntu uthile ezama ukukuchukumisa amalungu akho angasese. Uyawazi ukuba amalungu akho angasese andawoni na? Zezindawo apho impahla yakho yangaphantsi okanye izikhindi zakho zigquma khona. Akekho umntu ofanele ukuba achukumise amalungu akho angasese ekusukeleni ebuncinaneni bakho, uMama noTata ngabo abanako ukukucoca kwezondawo, kodwa kungekudala nawe uzakufunda ukuzenzela lonto ngokunokwakho. Okanye mhlawumbi ukuba uyagula okanye uva iintlungu, Umama okanye uTata okanye uGqirha kungamele ukuba babeke iyeza khona, kodwa ngaphandle koko akekho omnye umntu ekumele achukumise amalungu akho angasese. Sizakufunda ngokuba uye wenze kanjani xa umntu osekhayeni lakho okanye kusapho lwakho ukwenza ungaziva ukhululekile okanye uzama ukukuhlukumeza. Inye nje into ekumele uyenzile ku lo umdlalo, kukuba ukhwaze โHAYIโ ngoko ke ndifuna ukhwaze ngokuzimisela kamnandi na kakhulu….
"Song 4
Ingoma yesine Ukuba unengxaki
"
Itekisi ka Cynthie Kubalukekile ukuxelela umntu ukuba kukho mntu uthile okuvisa ubuhlungu okanye okuphatha kwiindawo zakho zangasese, nokuba uyoyika okanye unentloni kufuneka ubenesibindi kakhulu uxelele umntu. Baninzi kakhulu abantu onokubaxelela, ooMama, ooTata, ooMakhulu, ooTatomkhulu, ooAntie, ooMalume, ooTishala, Abazala, Abamelwane, abazali bezihlobo zakho, amapolisa, oomongikazi kunye nabanye abaninzi abakungqungileyo. Ngoku ke, ukuba uye waxela baze abantu bangakukholelwa, bade bathi kuwe yigcine iyimfihlelo โ nakanjani wena hamba uyokuxelela omnye umntu. Ukuba nalowo akakhukholelwa, hamba uyokuxelela omnye umntu. Ukuba naye akakukholelwa โ hamba futhi uyokuxelela omnye umntu kwaye uqhubekeke usenza njalo kude kubekho umntu okumamelayo. Ungaze noba sekutheni, unikezele.
"Song 5
Ingoma Yesihlanu Uthando lunobubele
"
Itekisi ka Cynthie Masithethe ngothando, kubalulekile ukuthandwa kwaye abantu abalubonisi uthando lwabo kuwe ngokukuvisa ubuhlungu okanye ukwenza izinto ezikwenza ungaziva kamnandi. Abantu babonisa ukuba bayakuthanda ngokwenza izinto ozithandayo njengo ku- funda iincwadi, ukudlala imidlalo, ukonwaba, ukuthatha uhambo okanye mhlawumbi ukukubonisa ukuba ibhayisekile yakho uyikhwela njani.UThando kukwabelana nokukhathalelana. Abazali bethu kunye nabo abobantu basikhathalelayo bayaqinisekisa ukuba sigcineka kakuhle, bayasondla, basenza ukuba sihlambe amazinyo ethu, kwaye baqinisekise ukuba sineempahla ezicocekileyo zokunxiba, baphinde xa sigula basihambise basise kuGqirha. Kubalululekile ukuba sinonophelwe kakuhle ukuze sikhule sisempilweni, sonwabile kwaye somelele.
"Signs of Child Abuse
Limpawu zokuhlukunyeza kwabantwana
Oku kulandelayo ziimpawu zoxhaphazo nentswela-hoyo esiyibona ebantwaneni kule mihla. Ukuba ubona naziphi na kwezi mpawu okanye umntwana ukuthyilela ulwazi ngezi mpawu, thula nje ungamnyanzeli umntwana akunike olu lwazi. Menze axole umntwana, umbulele ngokukunika kwakhe olu lwazi, wandule ukuxhulumana ngomnxeba neenkonzo zokhuselo lwabantwana ezijongene nalo msebenzi.
Khumbula ukuba umntwana angakuthyilela intwana encinane yolu lwazi ngexesha, de abone kakuhle ukuba imo yakho yokuphendula oku izolile yaye inenkxaso.
Oku kulandelayo zezinye zeempawu zohlukumezo. Umntwana angajongana nengxubevange yezimpawu. Ukuba ubone iinguquko ezicacileyo kwisimo somntwana lowo, qiniseka ukuba uyaqaphelisisa ukuba ezimpawu zilandelayo ziphathelele kuxhaphazo ziyabonakala na.
Iimpawu zokuhlukunyeza ngokomzimba
Kwimbonakalo yomntwana
โข Imigruzuko engaqhelekanga, imivumbo elufeleni, izilonda zokutsha, iindawo ezophukileyo
โข Amamnxeba omenzakalo
โข Umenzakalo othe rhoqo kumane kusithiwa yingozi
โข Qaphela ukuba inkcazo le idla ngokungadibani nomenzakalo
โข Ukunxitywa kwempahla enemikhono emide ukufihla iindawo ezenzakeleyo
Isimo sokuziphatha somntwana
โข Udakumbile, kunzima ukuhlobana naye
โข Uthule ngendlela engaqhelekanga kwaye ekafuni nxibelelwano nabantu
โข Uthanda kakhulu ukukholisa abanye
โข Ubonakala eboyika abazali
โข Akahlupheki xa esohlulwa ebazalini
Limpawu zokuswela ukuhoywa
Kwimbonakalo yomntwana
โข Ukungacoceki, inwele ezimdaka, nevumba lomzimba
โข Impahla ayinxibayo ayilungeli imozulu yalo mini
โข Udinga unyango nonyamekelo lwamazinyo
Isimo sokuziphatha somntwana
โข Soloko ediniwe, engenamandla, ethyafile
โข Ucela ukutya kwabanye okanye akube
โข Soloko efika emva kwexesha esikolweni okanye angabikho
โข Unobundlavini okanye isimo esinendelelo
โข Akazixabisanga
โ
Iimpawu zokuxhatshazwa ngokweemvakalelo
Kwimbonakalo yomntwana
Iimpawu zolu udidi lohlukumezo zisenokungacaci ncam kunezinye iimpawu zohlukumezo, kodwa ke mhlawumbi ukuziphatha oku komntwana ingaluphawu olulona lubalaseleyo.
โข Ukuzikhetha kwizihlobo zakhe nakwizinto ezenziwa ekuhlaleni apha
โข Ukufika rhoqo emva kwexesha esikolweni okanye angabikho mpela
โข Ukulahlekelwa kukuzixabisa
โข Isimo esinendelelo
โข Utshintsho kwindlela ebeqhuba ngayo esikolweni n
Iimpawu zokuxhatshazwa ngokwesondo
โKwimbonakalo yomntwana
โข Impahla yangaphantsi idlakadlaka ikwangcoliseke nangamachaphaza egazi
โข Uva iintlungu nokurhawuzelelwa kumalungu angasese
โข Uzifumana esuleleke ngezifo ezizuzeka ngokwabelana ngesondoโ
Isimo sokuziphatha somntwana
โข Ukuziphatha kakubi ngokwesondo yaye unolwazi olungamfanelanga kwiminyaka yakhe yobudala
โข Nangendlela engafanelekanga yokucofa-cofa abanye abantwana
โข Ukuguquka kwesimo sakhe ngequbuliso
โข Ukungafuni ngamandla ukuchukunyiswa emzimbeni nangayiphi na indlela
โUkuba urhanela isenzo zokuxhatshazwa kwabantwana, nxibelelana neenkonzo zokhuselo lwabantwana eziphathelele kwizenzo ezinje ufumane icebiso. Apho siyakumanyelwa isimemezo sakho kuthatyathwe namanyathelo egameni lakho ukuba umntwana lowo usecicini lengozi.
Masigcine abantwana bekhuselekile!!
Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu – Chrissy Sykes ยฉ 2017
Sponsor Stichting GetOnโ
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks
Imibuzo eqhele ukubuzwa (ikakhulu ngabantwana)
Umbuzo: Yintoni eyenza abantu bahlukumeze abantwana?
Impendulo: Kwakhona ziliqela izinto ezibangela ukuba abantwana baxhatshazwe ngesondo, uninzi lwabenzi-bubi nabo bakhe baxhatshazwa yaye yonke le nto bahamba nayo bexhaphaza abanye abantu. Abanye abantu baneengxaki zokusela neziyobisi okanye iingxaki zemisindo. Into ebalulekileyo emasiyikhumbule yinto yokuba akulunganga ukuhlupha abantwana, kungeso sizathu kuyimfuneko ukuba sazise nabanye abantu, ukuze sincedakale.
Umbuzo: Yintoni eyenza abantu bacofa-cofe abantwana kumalungu abo angasese?
Impendulo: Kwakhona zininzi izizathu zokuba baxhaphaze abantwana, uninzi lwaba bantu baxhatshazwa nabo, kungenxa yesi sizathu kubalulekile nabo kuthethiwe ngabo, kuba nabo badinga uncedo banyangwe baphile bayeke ukuxhaphaza abantwana.
โUmbuzo: Ndingenza njani ukuba akukho mntu ondimamelayo?
Impendulo: Ukuba uxelele umntu yaye yena angakukholelwa, nawe ke xelela omnye umntu, uhlale njalo uxelela abantu de kubekho okukholelwayo. โ
Umbuzo: Ukuba ndixelile, kuzokwenzeka ntoni?
Impendulo: Kuzakufuneka into yokuba kwenziwe ingxelo yokuba uyaxhatshazwa.Emveni koko, kufike umntu oza kuthetha nosapho lwakho. Mntu lowo uzakuqinisekisa ukuba ikhaya lakho likhuseleke ngokwaneleyo na ukuba wena ungahlala kulo okanye kumele uthathwe uyokuhlaliswa kwenye indawo apho ungafumana khona ukhuseleko, logama lo mntu ukuxhaphazayo efumana uncedo naye. โ
โUmbuzo: Ndenze kanjani ukuba ndithe HAYI kodwa umxhaphazi angayeki?
Impendulo: Ukuba akeva xa usithi HAYI khwaza kakhulu khona ukuze umntu okuvayo akuncede okanye nabanye abantu kwakwalapha abanokukuva ukhwaza bakuncede. Ukuba akukho mntu, hamba uye kuxelela omnye umntu ngokukhawuleza uqonda ukuba ukhuselekile ukwenza oko. โ
โUmbuzo: Ndenze kanjani ukuba umxhaphazi ugrogrisa ngokundilimaza okanye alimaze usapho lwam ukuba ndixelile?
Impendulo: Abantu abaxhaphaza abantwana abafuni abanye abantu bazi ukuba benza oko kangangokuba bangazama ukukoyikisa okanye bakoyikise ngelungu losapho lwakho, bathi kuwe ugcine iimfihlelo. Apha ke kufuneka ubenesibindi uxelele nomnye umntu ngengxaki yakho.
โUmbuzo: Ndenze kanjani ukuba umxhaphazi lo ngu bhuti okanye usisi wam?
Impendulo: Xelela abazali bakho yaye ukuba abakuhoyi nabo, xelela nomnye umntu esikolweni okanye kuludwe lwabantu abakhankanyiweyo kuludwe esikhe saluxoxa.
โUmbuzo: Bazakuchaphuka na ukuba ndixelile?
Impendulo: Ewe basenako ukucaphuka, kodwa nawe qina uxele konke khona ukuze abantu banqande ungenzakaliswa, ungaphathwa-phathwa ngaphantsi, kanti nabo abakuxhaphazayo oku iyakuba sisisombululo nakweyabo ingxaki.